Exodus 1:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwandula lwacuma usapo luka‐Sirayeli, lwakolisa ukwanda, lwaba luninzi, lwazuza amandla ngento enkulu kakulu; laza ilizwe lazaliswa lulo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oonyana bakaSirayeli baqhama, banyakazela, banda, baba namandla kakhulu kunene; lazala ilizwe ngabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Banda oonyana bakaSirayeli, banda kunene, banda, baba namandla; wazala umhlaba ngabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke yona inzala yabo, amaSirayeli, yaqhama yanda kakhulu. Ewe, yanda yaphinda-phindana, yakhula nangamanani, futhi iluqilima, yada yalizalisa elaseJiputa.