Exodus 10:1 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
WANDULA uyehova wati ku‐Mosesi: Yiya ku‐Faro; ngokuba ndiyenze nzima intliziyo yake, nentliziyo yezicaka zake, ukuze ndibeke lemiqondiso yam pakati kwabo;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuze ndibonakalalise le miqondiso yam phakathi kwalo ilizwe;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yiya kuFaro; kuba mna ndiyiqaqadekisile intliziyo yakhe, nentliziyo yabakhonzi bakhe, ukuba bathethe imibono yam phambi kwakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wathetha noMosis wathi: “Yiya kwakumkani. Kaloku yena namaphakathi akhe ndibaqaqadekisile, ukuze ndifumane ithuba lokwenza le miqondiso phakathi kwabo,