Exodus 10:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kungabi njalo! hambani ke nina ningamadoda, niye kukonza uyehova; ngokuba oko nibe nikufuna. Baza bagxotwa ebusweni buka‐Faro.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Makungabi njalo; makuhambe nina bangamadoda, niye kukhonza uYehova; kuba nibe nifuna oko. Bagxothwa, baphuma ebusweni bukaFaro.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akunjalo; hambani ngoku niye kukhonza uYehova; kuba ubuyinqwenela. Bagxothwa ke ebusweni bukaFaro.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi, makuhambe amadoda odwa aye kukhonza uNdikhoyo, njengoko nanitshilo kakade.” Baza ke bakhutshwa buphuthu-phuthu apho kwakumkani.