Exodus 10:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula uyehova wati ku‐Mosesi: Yolula isandla sako pezu kwelizwe le‐Jipete ngenxa yenkumbi, zize zinyukele pezu kwelizwe le‐Jipete, zidle yonke imifuno yelizwe elo, kwa konke okusalisiwe zizicoto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, kuze iinkumbi, zinyuke kulo ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, yonke into eshiywe sisichotho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kwelizwe laseYiputa, phezu kweenkumbi, zilingene ilizwe laseYiputa, ziyidle yonke imifuno yelizwe eli, eseleyo esichothweni.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Phakamisa ingalo yakho, uwangawangise kulo lonke elaseJiputa, ukuze kuvele iinkumbi eziya kunqunqutha zonke izityalo nayo yonke into eyasinda esichothweni.”