Exodus 10:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza inkumbi zenyuka pezu kwalo lonke ilizwe le‐Jipete, zapumla kuyo yonke imida yase‐Jipete, into enzima kunene; ngapambili kuzo bekungeko nkumbi ezingako zinjengazo ezo, nasemva kwazo akusayi kubako ezinjalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa; zeza zahlala emideni yonke yaseYiputa, zininzi kunene; ekungazanga phambi kwazo kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinjalo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Zenyuka iinkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa, zahlala ezindaweni zonke zaseYiputa; zazinzima kakhulu; phambi kwazo akuzange kubekho zinkumbi zingako, kwabe emva kwazo kungasayi kubakho zinkumbi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zafika zilibubu, zanyakazela kulo lonke elaseJiputa neziphaluka zalo. Ezingako zona zazingazange zabonwa ngaphambili, zaye zingasoze zibonwe nanini na!