Exodus 10:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wajika umoya wentshonalanga onamandla kakulu, owafunqula inkumbi, waziwisa elwandle olubomvu; akwasala nanye inkumbi kuyo yonke imida yase‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wawuguqula umoya, waba ngowasentshonalanga onamandla kunene, wazithwala iinkumbi, wazidiba eLwandle oluBomvu; akwasala nanye inkumbi, emideni yonke yaseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawuguqula ke uYehova umoya wasentshonalanga lowo, wazithabatha iinkumbi, wazidiba eSekefe; akwasala nanye inkumbi kulo lonke ilizwe laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UNdikhoyo ke wathumela umoya wasentshona, wazitshayela zonke iinkumbi, waya kuzeyelisela kuLwandle oluBomvu, akwasala nob' ibe nye inkumbi kwelaseJiputa.