Exodus 10:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
nokuze ubalise ezindlebeni zonyana wako, nezonyana wonyana wako, oko ndikwenzileyo e‐Jipete, nemiqondiso endiyimisileyo pakati kwabo; nize nazi nkuba ndi nguyehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ukuze ubalise, ezindlebeni zonyana wakho nezonyana wonyana wakho, izenzo ezincamisileyo endizenzileyo kumaYiputa, nemiqondiso yam endiyibonakalalisileyo phakathi kwawo, ukuze nazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uze uthethe kunyana wakho, nakunyana wakho, into endayenzayo eYiputa, nemiqondiso yam endayenzayo phakathi kwabo; ukuze wazi ukuba ndinguYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
nokuze nibe nako ukubalisela abantwana nabazukulwana benu. Niya kubanika ingcombolo yendlela endabonisa ngayo ubungangamsha bam kumaJiputa, nangemiqondiso endiyenzileyo phakathi kwawo, khon' ukuze nani niqonde ukuba ndinguNdikhoyo.”