Exodus 10:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula wati uyehova ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngasezulwini, kuze kubeko ubumnyama pezu kwelizwe le‐Jipete, kude kuveke ubumnyama.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, bugutyungelwe bubumnyama.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphinda *uNdikhoyo wayalela uMosis ukuba aphakamisele isandla sakhe esibhakabhakeni, ukuze kubekho isithokothoko sobumnyama kulo lonke elaseJiputa, esatsho baziimpumputela abantu.