Exodus 10:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza u‐Faro wabiza u‐Mosesi, wati: Hambani, konzani uyehova; kupela igusha zenu nenkomo zenu mazisaliswe; kwa nabantwana benu mabahambe nani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UFaro wabiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova;kodwa impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazisale; nayo intsapho yenu yohamba nani.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uFaro wambiza uMoses, wathi, Hambani niye kukhonza uYehova; Impahla yenu emfutshane neenkomo zenu mazime; mabahambe nawe nabantwana bakho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waza ke ukumkani wabiza uMosis, wathi kuye: “Ngoku ningahamba niye kukhonza uNdikhoyo kunye nabafazi nabantwana benu, nishiye imfuyo yenu kuphela.”