Exodus 10:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nakanjako inkomo zetu ziya kuhamba nati; akuyi kusala nopupu lunye: ngokuba siya kucapula kuzo ukukonza uyehova, utixo wetu; kodwa asiyazi tina into esiya kukonza uyehova ngayo, side sifike kona.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
nemfuyo yethu ihambe nathi; akuyi kusala nophuphu olunye;kuba sothabatha kuyo ukukhonza uYehova uThixo wethu; kuba thina asazi ukuba somkhonza ngantoni na uYehova, side sifike khona.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
nemihlambi yethu ihambe nathi; akukho zikhonkwane ezishiywe ngasemva; ngenxa yoko simele sithabathele ekukhonzeni uYehova uThixo wethu; kwaye asazi ukuba masikhonze ngantoni na iNkosi side sifike apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Hayi bo! Asinakuyishiya imfuyo yethu; asinakushiya nob' ibe nye! Kaloku kufuneka sizikhethele ngokwethu leyo siza kuyisebenzisa xa sinqula uNdikhoyo uThixo wethu, ibe ke asinakuyazi esiza kubingelela ngayo side sifike apho siya khona.”