Exodus 10:28 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wati u‐Faro kuye: Suka kum, uzilumkele, ungapindi ukubona ubuso bam; ngokuba mhlana ubonayo ubuso bam, uya kufa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uze uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba mhlana ububonileyo ubuso bam uya kufa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uFaro kuye, Hamba umke kum, uzigcine, ungaphindi ububone ubuso bam; kuba ngaloo mini, ukuba nibubone ubuso bam, niya kufa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani wamgxotha uMosis, wathi: “Phuma! Zichithe! Mandingaze ndiphinde ndikubone! Mhla ndakubona ndokucim' igama!”