Exodus 10:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kanjalo zozalisa izindlu zako, nezindlu zazo zonke izicaka zako, nezindlu zawo onke ama‐Jipete; abangazanga bazibone ezinjalo oyihlo bako, noyise boyihlo bako, kwa semhleni babeko pezu kwomhlaba kwada kwanamhla nje. Wayejika ke, wapuma ku‐Faro.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke: iinkumbi ezingabonwanga ngooyihlo noonyokokhulu, kususela kwiimini ababekho ngazo emhlabeni, unanamhla. Wajika, waphuma kuFaro.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
zizalise izindlu zakho, nezindlu zabakhonzi bakho bonke, nezindlu zamaYiputa onke; Andizange ndibabone ooyihlo nooyihlo kususela emhlabeni unanamhla. Wajika, wemka kuFaro.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ziya kunyakazela ezindlwini zakho, kwezamaphakathi, nakuzo zonke izindlu zamaJiputa. Lowo iya kuba ngumbono ongazange walanywa ngooyihlo ngokunjalo nooyihlo-mkhulu ezimbalini zeli lizwe.’ ” Akuba etshilo waphuma, wemka kwakumkani.