Exodus 10:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Zaza izicaka zika‐Faro zati kuye: Kwoba kade kangakananina lo engumgibe kuti? Zundulule amadoda lawo, aye kukonza uyehova, utixo wawo: akukazi na, ukuba i‐Jipete seitshabalele?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na, lo engumgibe kuthi? Bandulule abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo. Akukazi na, kuhleliwe nje, ukuba iYiputa iza kutshabalala?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi abakhonzi bakaFaro kuye, Koda kube nini na indoda esiba ngumgibe kuthi? mabafuduke abantu, baye kukhonza uYehova uThixo wabo; akukazi na, ukuba iYiputa iza kutshabalala?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Amaphakathi kakumkani abhekisa kuye athi: “Yaz'ba kode kube nini na lo mfo elukhwembe-khwembe kuthi? Nceda, khulula aba bantu baye kukhonza uNdikhoyo uThixo wabo. Ngaba awukaqondi ukuba iJiputa itshabalele?”