Exodus 10:8 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwabuyiswa u‐Mosesi no‐Arone ukuza ku‐Faro, owati kubo: Hambani, konzani uyehova, utixo wenu! kodwa ngubanina nobanina abaya kuhamba?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kuhamba oobani noobani ke?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baza ooMoses noAron babuyiselwa kwakuFaro; wathi kubo, Hambani, niye kukhonza uYehova uThixo wenu; kodwa ngubani oya kuhamba?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Babizwa ke ooMosis noAron, babuyela kukumkani, waza wathi kubo: “Hambani niye kukhonza uNdikhoyo uThixo wenu. Kodwa ke ngoobani kanye abaza kuhamba?”