Exodus 10:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wayesiti u‐Mosesi: Sohamba sinabatsha betu nabadala betu; sohamba sinonyana betu nentombi zetu, sinegusha zetu nenkomo zetu; ngokuba sinawo umtendeleko kayehova.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses, Siya kuhamba nolutsha neengwevu zakowethu, sihambe noonyana bethu neentombi zethu, nempahla yethu emfutshane neenkomo zethu; kuba kuthi ngumthendeleko kaYehova.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses, Siya kuhamba neenkomo zethu, namadoda ethu amakhulu, noonyana bethu, neentombi zethu, neenkomo zethu, nemfuyo yethu; kuba kufuneka senze umbhiyozo ozukisa uYehova.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wathi: “Kuza kuhamba abadala nabanci, oonyana neentombi, iigusha neenkomo. Kaloku kufuneka senzele uNdikhoyo itheko.”