Exodus 11:1 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(Ngokuba ebete uyehova ku‐Mosesi: Kuseko isibeto sinye endiya kusizisa pezu kwo‐Faro napezu kwe‐Jipete; woti emveni kwoko anindulule kule ndawo: kekaloku akunindulula, uya kugqibela ukunigxota apa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wathi kuMoses, Ndisaya kufikisa sibetho sinye phezu koFaro naphezu kweYiputa, emveni koko wonindulula nimke apha;xa anindulula kuphele, uya kunigxotha kanye, nimke apha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Andiwisanga nasinye isigwebo phezu koFaro naphezu kweYiputa; emveni koko uya kunisusa apha; ukuba akanindululi, wonigxotha kuphele apho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Uyabona ke, ukumkani lo ndawonye nabantu bakhe ndiya kumzisela isibetho sokugqibela. Emva kweso ke uya kunikhulula nihambe. Enyanisweni uya kunigxotha niphume niphele.