Exodus 11:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati u‐Mosesi no‐Arone benza yonke lemimangaliso ebusweni buka‐Faro; waye uyehova wagwenxisa intliziyo ka‐Faro, waza akandulula usapo luka‐Sirayeli elizweni lake.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses noAron bazenza ke ezi zimanga zonke phambi koFaro;uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uMoses noAron bayenza yonke le miqondiso phambi koFaro; uYehova wayenza lukhuni intliziyo kaFaro, akabandulula oonyana bakaSirayeli ezweni lakhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le mimangaliso ke uMosis noAron bayenza phambi kokumkani. Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli emke eJiputa.