Exodus 11:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ngakulo usapo luka‐Sirayeli akuyi kubako nenja eya kubaza ulwimi lwayo, nangakuye umntu nangakuso isilo; ukuze nikwazi okokuba uyehova uyenza isahlulo pakati kwama‐Jipete nama‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli, akukho nja iya kubavungamela, kuthabathela emntwini kuse ezinkomeni; ukuze nazi ukuba uYehova uyawahlula amaYiputa kumaSirayeli;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke koonyana bakaSirayeli akuyi kubakho nja ibavuthulula ngolwimi lwayo, kuthabathele emntwini kuse ezinkomeni, ukuze nazi ukuba uYehova uyahluka phakathi kweYiputa noSirayeli.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kanti ke wona amaSirayeli nemfuyo yawo sobe abe nawo nowempumlo umkrwelo.’ Ngaloo ndlela ke niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyahlula phakathi kwamaJiputa namaSirayeli.”