Exodus 11:8 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ziya kwandula zihle zonke ezizicaka zako zize kum, zizitobe pambi kwam, zisiti: Puma wena, nabo bonke abantu abasezinyaweni zako; ndoti emveni kwoko ndipume ke. Waza wapuma ebusweni buka‐Faro ngobushushu bengqumbo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
behle bonke abakhonzi bakho abo, beze kum, baqubude kum, besithi, Phuma wena nabantu bonke abakulandelayo; ndiphume ke emveni koko. Waza waphuma kuFaro, evutha ngumsindo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Behla beze kum bonke aba bakhonzi bakho, baqubude kum, bathi, Hamba wena nabantu bonke abaseleyo, ndihambe mna. Emva koko wemka enomsindo omkhulu kuFaro.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis waqukumbela ngelithi: “Ke wona la maphakathi akho aya kuza kum akhahlele endibongoza esithi: ‘Thatha abantu bakho, niphume niphele kweli.’ Kwakuba njalo ke ndiya kunduluka.” Akukhov' ukutsho ke, uMosis waphuma efuthekile.