Exodus 12:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nodla izonka ezingenagwele intsuku zibe sixe̔nxe; kwa ngosuku lwokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu: ngokuba osukuba esidla okubiliswayo, kowokuqala umhla kude kube ngowesixe̔nxe umhla, umpefumlo lowo uya kunqanyulwa ko‐Sirayeli.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Nodla izonka ezingenagwele iintsuku zibe sixhenxe;kwangosuku lokuqala nolisusa igwele ezindlwini zenu; kuba bonke abadla isonka esinegwele, kususela kolokuqala kude kube lusuku lwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Iintsuku ezisixhenxe nidle izonka ezingenagwele; nize nikhuphe igwele ezindlwini zenu ngomhla wokuqala; kuba bonke abadla isonka esinegwele kususela kolokuqala kude kube lusuku lwesixhenxe, bonqanyulwa bangabikho kwaSirayeli loo moya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waqhuba *uNdikhoyo wathi: “Uyabona ke, niya kuthatha iintsuku ezisixhenxe nisitya isonka esenziwe ngentlama engenagwele. Ngosuku lokuqala ze niligqogqe nilikhuphe lingabikho igwele ezindlwini zenu. Kwezi ntsuku ke umntu okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa kwibandla lamaSirayeli.