Exodus 12:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Intsuku zoba sixe̔nxe ekungayi kufunyanwa gwele ezindlwini zenu: ngokuba osukuba esidla okunegwele, kwa lowompefumlo uya kunqanyulwa entlanganisweni yo‐Sirayeli, nokuba ungowasemzini, nokuba ungozelweyo elizweni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ze kungafunyanwa gwele ezindlwini zenu iintsuku ezisixhenxe; kuba bonke abadla into enegwele, bonqanyulwa bangabikho ebandleni lakwaSirayeli, nokuba ngumphambukeli, nokuba ngozalelwe kuloo ndawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”