Exodus 12:30 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wavuka u‐Faro ebusuku, kwa yena nazo zonke izicaka zake, nawo onke ama‐Jipete; kwaye kuko nesikalo esikulu e‐Jipete; ngokuba bekungeko nanye indlu apo angeko kona ofileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho isikhalo esikhulu eYiputa; kuba akubangakho ndlu ingenamntu ufileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wavuka uFaro ebusuku, yena nabakhonzi bakhe bonke, namaYiputa onke; kwabakho inyikima enkulu eYiputa; ngokuba akubangakho ndlu, kungekho mntu ufileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga.