Exodus 12:31 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waselebiza u‐Mosesi no‐Arone ebusuku, wati: Sukani, nipume ebantwini bam, kwa nina nosapo luka‐Sirayeli, niye nikonze uyehova njengokutsho kwenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina aba noonyana bakaSirayeli, nihambe niye kumkhonza uYehova, njengokutsho kwenu;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wabiza uMoses noAron ebusuku, wathi, Sukani niphume phakathi kwabantu bam, nina nyana bakaSirayeli; nihambe niye kukhonza uYehova njengoko nitshilo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile.