Exodus 12:4 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa xeshekweni abendlu bancinane ukuba babe nexwana, andule alitabate umntu nommelwane wake okufupi nendlu yake, ngento engangenani lemipefumlo; nobalela ixwana abanye ngabanye ngokudla kwabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani labantu; elowo ngangokokudla kwakhe nombalela exhwaneni.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ukuba ithe indlu yancinane exhwaneni, makathabathe ixhwane yena enommelwane wakhe okufuphi nendlu yakhe, ngokwenani lemiphefumlo; elowo anokudla kwakhe ixhwane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kambe ke ukuba umzi lowo unabantu abambalwa, awunako ukulitya uligqibe ixhwane, mawudibane nommelwane, yomibini ihlanganyele ixhwane elinye ngokobubanzi beentsapho zayo. Ngoko ke umzi ngamnye uya kulinganiselwa ixhwane kwangaphambili.