Exodus 12:43 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Walekela wati uyehova ku‐Mosesi naku‐Arone: Ngulo ummiselwa wayo ipasika: Osukuba engowasemzini akayi kutya kuyo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Ummiselo wepasika ngulo:Bonke oonyana bolunye uhlanga abasayi kudla kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses nakuAron, Nguwo lo umyalelo wepasika: Ize ningamudli owasemzini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*UNdikhoyo wabayalela uMosis noAron, wathi: “Nantsi imimiselo emaniyigqale xa kubhiyozelwa *iPasika: Umntu wolunye uhlanga akavumelekanga ukuba abe nenxaxheba.