Exodus 12:48 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni kupambukele kuwe owasemzini, oya kuyenza ipasika kuyehova, makati onke amadoda anawo aluke, aze andule ukusondela, ayenze; waeya kuba njengozelweyo elizweni: kodwa osukuba engalukanga akasayi kutya kuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Xa athe owasemzini waphambukela kuwe, wenza ipasika kuYehova, mayaluswe yonke into eyindoda kuye, andule ke ukusondela, ayenze, abe njengozalelwe kwelo zwe; bonke abangaluswanga abasayi kudla kuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kube ngathi ngumphambukeli endlwini yakho, wenze ipasika kuYehova, wayalusa yonke into eyindoda kuye; abe njengozalelwe kwelo zwe, ngokuba akukho mntu wasemzini uya kudla kuyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umngeneleli omi phakathi kwenu, xa enqwenela ukuthatha inxaxheba kulo msitho, makuqale koluswe onke amadoda kuloo ndlu yakhe. Xa kunjalo ke woba nelungelo njengabo bonke abomthonyama.