Exodus 12:51 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaza kwati ngokwa nguwo umhla lowo, wapumisa uyehova usapo luka‐Sirayeli elizweni le‐Jipete ngemikosi yalo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, ngayo kanye loo mini, uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngaloo mini uYehova wabakhupha oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa ngokwemikhosi yabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaloo mini kanye uNdikhoyo wawakhupha amaSirayeli eJiputa engamabutho ngamabutho.