Exodus 13:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti, xeshekweni unyana wako aya kukubuza ngexesha elizayo, esiti: Iyinina lento? wandule ukuti kuye: Ngokwomelela kwesandla wabesikupa uyehova e‐Jipete, endlwini yobukoboka:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kothi, xa unyana wakho akubuzayo ngexesha elizayo, esithi, Yintoni na le nto? uze uthi kuye, UYehova wasikhupha eYiputa, endlwini yobukhoboka, ngesithe nkqi isandla;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wakubuza unyana wakho kamva, wathi, Yintoni na? uze uthi kuye, uYehova wasikhupha eYiputa ngesandla esithe nkqi, endlwini yobukhoboka;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuya kuthi ke xa oonyana bebuza ukuba lithetha ntoni na elo siko, uthi: ‘Sisikhumbuzo sokuba saphuma ebukhobokeni baseJiputa ngokusebenza kwamandla kaNdikhoyo.