Exodus 13:15 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
ngokuba bekute, nxa u‐Faro wakwenza umgushanxa ukusindulula, wandula uyehova wabulala onke amazibulo ezweni le‐Jipete, kwa namazibulo abantu, namazibulo ezilo: kukona ndibingela uyehova konke kuzityulwa ngako, okuzinkunzi; kodwa onke amazibulo onyana bam ndiyawakulula.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kwathi, xa uFaro wayelukhuni ukusindulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, ethabathela kwizibulo lomntu, wesa kwizibulo lenkomo; kungenxa yoko, le nto ndibingelela kuYehova yonke into evula isizalo eliduna, ndiyikhulule ngokuyimisela yonke into elizibulo koonyana bam;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Xa uFaro wayefuna ukusikhulula, uYehova wawabulala onke amazibulo ezweni laseYiputa, izibulo lomntu neenkomo; ngoko ke ndinikela kuYehova yonke into evula i-matrix njengomntu; ke wona amazibulo oonyana bam akayi kuwazala.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku wathi ukumkani waseJiputa akungavumi ukusikhulula, uNdikhoyo wawabulala amazibulo abantu nawemfuyo kwelaseJiputa. Ngesi sizathu ke amazibulo angamaduna kwimfuyo ndenzela ngawo uNdikhoyo idini. Ke wona amazibulo oonyana ndiwakhulula ngokuwahlawulela.