Exodus 13:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuba ngumqondiso pezu kwesandla sako, nembasa pakati kwamehlo ako: ngokuba ngokwomelela kwesandla wabesikupa uyehova e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
ibe ngumqondiso esandleni sakho, ibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, kuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesithe nkqi isandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kube luphawu esandleni sakho, kube njengenyanda entloko phakathi kwamehlo akho; ngokuba uYehova wasikhupha eYiputa ngesandla esithe nkqi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Eli siko ke liya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, lihlale lisikhumbuza ukuba kukusebenza kwamandla kaNdikhoyo okwasikhupha eJiputa.’ ”