Exodus 13:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KWAYE kute, xeshekweni u‐Faro ebendulule abantu, waza utixo akabakapa ngendlela yasezweni lama‐Filistiya, nakuba leyo ibifutshane; ngokuba ebesiti utixo: Hleze abantu babe nosizi bakubona imfazwe, baze babuyele e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi, akubandulula uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibimfutshane yona: kuba wathi uThixo, hleze abantu bazohlwaye bakubona imfazwe, babuyele eYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akubandulula ke uFaro abantu, uThixo akabakhokela ngendlela yelizwe lamaFilisti, nakuba ibikufuphi; ngokuba wathi uThixo, Ukuze bangaguquki abantu bakuyibona imfazwe, babuyele eYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wathi ukumkani waseJiputa akuwakhulula amaSirayeli, uThixo akawakhokela ngendlela ecanda kwelamaFilistiya, nakuba yayiyeyona imfutshane. Kaloku uThixo wathi: “AmaSirayeli akuzibona egaxeleka emfazweni, angafuna ukubuyela eJiputa.”