Exodus 13:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa utixo wabazekelelisa abantu ngendlela yasentlango yolwandle olubomvu. Lwati usapo luka‐Sirayeli lwenyuka ezweni le‐Jipete luxo̔bile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UThixo wabazungulezisa abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu. Banyuka bexhobile oonyana bakaSirayeli, bevela ezweni laseYiputa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uThixo wabajikeleza abantu ngendlela yentlango yoLwandle oluBomvu; bemka ke oonyana bakaSirayeli ezweni laseYiputa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke uThixo wawakhokela ngendlela yasentlango esinga kuLwandle oluBomvu. AmaSirayeli ke aphuma eJiputa exhobele imfazwe.