Exodus 13:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Mosesi watabata naye amatambo ka‐Josefe; ngokuba yena ebekolisile ukulufungisa usapo luka‐Sirayeli, esiti: Utixo wonikumbula ngenyaniso; naniya kunyusa amatambo am kule ndawo kunye nani.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UMoses wawathabatha wahamba nawo amathambo kaYosefu; kuba wayebafungisile nokubafungisa oonyana bakaSirayeli, esithi, UThixo uya kunivelela okunene; nize niwanyuse amathambo am, emke nani kule ndawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wawathabatha ke uMoses amathambo kaYosefu, wahamba naye; nize niwathabathe amathambo am emke nani apha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uMosis wawathatha wahamba nawo amathambo kaJosefu, kuba uJosefu wayethe kumaSirayeli: “Ngenye imini uThixo uya kuze anivelele, anikhuphe nimke apha; ngoko ke fungani ukuba niya kuhamba nawo amathambo am.”