Exodus 13:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wahamba pambi kwabo, emini entsikeni yelifu, ukuba abakokele endleleni, nasebusuku entsikeni yomlilo, ukuba abakanyisele, kuze kuhanjwe emini nasebusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
uYehova wabakhokela ngelifu emini, ukuba abakhaphele endleleni; ebusuku ngesibane somlilo ukubakhanyisela; ukuhamba imini nobusuku:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo.