Exodus 13:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waye u‐Mosesi wati ebantwini: Wukumbuleni lomhla, enipumile ngawo e‐Jipete, endlwini yobukoboka; ngokuba ngokwomelela kwesandla uyehova wanikupa kule ndawo: ngako akuyi kutyiwa okunegwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses ebantwini, Yikhumbuleni le mini niphume ngayo eYiputa, endlwini yobukhoboka; kuba uYehova unikhuphe kule ndawo ngesithe nkqi isandla; ize ke kungadliwa nto inegwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses ebantwini, Yicingeni le mini ekuphumeni kwenu eYiputa, endlwini yobukhoboka; ngokuba uYehova enikhuphe kule ndawo ngesandla esithe nkqi; Ungasityi isonka esinegwele.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wathetha nabantu wathi: “Ze ningaze niwulibale lo mhla wokukhululeka kwenu ebukhobokeni kwelaseJiputa. Kaloku nikhululwe bubungangamsha *bukaNdikhoyo. Ngawo makungatyiwa sonka sinyusiweyo.