Exodus 13:9 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjalo kwoba ngumqondiso kuwe pezu kwesandla sako, nenkumbuzo pakati kwamehlo ako, uze umteto kayehova ube semlonyeni wako: ngokuba ngesandla esomeleleyo uyehova wakukupa e‐Jipete.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kuze kube ngumqondiso kuwe osesandleni sakho, ube sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, ukuze umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; kuba uYehova ukukhuphe eYiputa ngesithe nkqi isandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuba ngumqondiso kuwe esandleni sakho, sibe sisikhumbuzo phakathi kwamehlo akho, wokuba umyalelo kaYehova ube semlonyeni wakho; ngokuba uYehova wanikhupha eYiputa ngesandla esithe nkqi.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Lo mbhiyozo ke uya kufana nomqondiso osesandleni okanye ebunzi, ukuze ningalibali ukubalisa ngommiselo kaNdikhoyo. Kaloku kwaba ngesandla sakhe ukuphuma kwenu eJiputa.