Exodus 14:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko wati u‐Mosesi ebantwini: Ningoyiki, yimani, nibone usindiso lukayehova, aya kunenzela namhla nje; ngokuba ama‐Jipete eniwabonileyo namhla nje, ningasayi kupinda ukuwabona kude kube ngunapakade.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; misani, nilubone usindiso lukaYehova aya kunenzela lona namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uMoses ebantwini, Musani ukoyika; lindani nje, nilubone usindiso aya kunenzela lona uYehova namhla; kuba amaYiputa lawo niwabonileyo namhlanje, anisayi kuphinda niwabone naphakade.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke yena uMosis wathi kuwo: “Sanukoyika; qinani! Niza kubona; uNdikhoyo uza kunihlangula namhlanje! Ke wona la maJiputa niwabonayo namhlanje soze niphinde niwabone kwakhona!