Exodus 14:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yeza pakati kwomkosi wama‐Jipete nomkosi wama‐Sirayeli; laye liba lilifu lobumnyama kwabaya, kanti labukanyisa ubusuku kwaba; waza omnye umkosi awasondela komnye bonke ubusuku obo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathi zinzi phakathi kwempi yamaYiputa, nemfuduka yamaSirayeli. Kwabakho ilifu nobumnyama kumaYiputa, labukhanyisela ubusuku kumaSirayeli; akasondelana ubusuku bonke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wangena phakathi kwempi yamaYiputa, neyamaSirayeli; laba lilifu elimnyama kubo, libakhanyisela ebusuku, ukuba kungabikho uzayo komnye ubusuku bonke.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
wajika wema phakathi kwamaSirayeli namaJiputa. Ilifu elo lasitha kwatsho kwasebusuku kumaJiputa, kodwa kwakukhanya kumaSirayeli. Loo nto ke yatsho ayabi nakuhlangana loo mikhosi mibini bonke obo busuku.