Exodus 14:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza uyehova wati ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngapezu kwolwandle, aze amanzi abuyele pezu kwama‐Jipete, pezu kwenqwelo zawo zokulwa, napezu kwabakweli bawo bamahashe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, phezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabamahashe bawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi uYehova kuMoses, Yolula isandla sakho phezu kolwandle, amanzi abuyele phezu kwamaYiputa, naphezu kweenqwelo zawo zokulwa, naphezu kwabakhweli bawo;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle kwakhona, ukuze amanzi awagubungele amaJiputa kunye neenqwelo zawo.”