Exodus 14:28 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ebebuya amanzi lawo, aselela inqwelo zokulwa, nabakweli bamahashe, kunye nayo yonke impi ka‐Faro ebingene emva kwawo elwandle; akwasala kubo kwa namnye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala noko amnye kuwo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Abuya amanzi, azigubungela iingqwelo zokulwa, nabamahashe, nempi yonke kaFaro eyayingene emva kwawo elwandle; akwasala namnye kubo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ewe, amanzi adibanisa abuyela kwindawo yawo yesiqhelo, aza ke wona amaJiputa neenqwelo zawo nawo wonke umkhosi kakumkani owawuleqa amaSirayeli wantywiliselwa lulwandle, akwasala nomnqongo lo!