Exodus 14:4 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndize ndigwenxise intliziyo ka‐Faro, ukuba woluputuma: ndandiya kubekwa ngaye u‐Faro, nangayo yonke impi yake, ukuze akwazi ama‐Jipete ukuba mna ndi nguyehova. Lwenje njalo ke.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndoyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abasukele, ndizukiseke ngoFaro nangempi yakhe yonke, azi amaYiputa ukuba ndinguYehova.Benjenjalo ke.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke mna ndiya kuyenza lukhuni intliziyo kaFaro, abalandele; ndizukiseke phambi koFaro, naphambi komkhosi wakhe wonke; ukuze azi amaYiputa ukuba ndinguYehova. Kwaye benjenjalo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndisaza kumqaqadekisa anisukele, ndize ndithi ndakumoyisa ndawonye nemikhosi yakhe ndizuze udumo. NamaJiputa aya kutsho aqonde ukuba ndinguNdikhoyo.” Okunene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo lowo.