Exodus 14:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakuxelwa kukumkani we‐Jipete ukuba abantu besabile, yandula yaguqulwa intliziyo ka‐Faro, neyezicaka zake, ngakubo abantu, bati: Kunganina ukuba siyenze lento, yokokuba sibandulule o‐Sirayeli ekusikonzeni?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waxelelwa ukumkani waseYiputa, ukuba abantu babalekile;yaba yeyimbi intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe kubantu, bathi, Siyenzele ntoni na le nto, yokusuka simndulule uSirayeli ekusikhonzeni?
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waxelelwa ukumkani waseYiputa ukuba abantu babalekile, yaza intliziyo kaFaro neyabakhonzi bakhe yabavukela abantu, isithi: “Siyenzele ntoni na le nto, sanyula amaSirayeli ukuba asikhonze?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ukumkani ndawonye namaphakathi akhe bathi, bakuva ukuba ngenene amaSirayeli emkile, bajibilika. Ewe, suka bazisola, bathi: “Besingenwe yini kakade, ukuze senze into enje? Bekutheni ukuze siwayeke amakhoboka ethu emke?”