Exodus 15:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waqutisa ngomoya wako; ulwandle lwabagubungela; batshona njengelode emanzini amakulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle;Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle; basele njengelothe emanzini amakhulu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka ke uNdikhoyo wafutha, kwaba kanye antywiliseleka amaJiputa. Ewe, azika nywam emanzini, kwanga kukweyela kwesinyithi.