Exodus 15:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwobawela ukwoyika nokunkwantya; ngobukulu bengalo yako boti cwaka njengelitye; bade bagqite abantu bako, Yehova! bade bagqite ababantu ubatengileyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bawelwa kukudenga nakukunkwantya, Ngenxa yobukhulu bengalo yakho bathi cwaka njengelitye, Bade badlule abantu bakho, Yehova, Bade badlule abo bantu ubazuzileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bafikelwa kukunkwantya nokunkwantya; ngokobukhulu besandla sakho zothi cwaka njengelitye; bade badlule abantu bakho, Yehova, bade badlule abantu bakho entweni oyithengileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Suka zazibhija-bhija zinkwantya; ngobungangamsha bakho zaw' isiduli. Baz' abakaNdikhoyo bagqitha bengcambaza; nditsho abakhululwa awabathengayo.