Exodus 15:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba bekungenile amahashe ka‐Faro, kunye nenqwelo zake zokulwa, nakunye nabakweli bake bamahashe, kulo ulwandle, waza uyehova wabuyisa amanzi olwandle pezu kwabo; kanti usapo luka‐Sirayeli beluhambile pezu kwowomileyo umhlaba pakati kwolwandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba langena elwandle ihashe likaFaro nenqwelo yakhe yokulwa, nabamahashe bakhe. UYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; ke bona oonyana bakaSirayeli bahamba kowomileyo, phakathi elwandle.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ihashe likaFaro langena elwandle neenqwelo zakhe zokulwa nabakhweli bakhe, waza uYehova wawabuyisela phezu kwabo amanzi olwandle; kodwa oonyana bakaSirayeli bahamba emhlabeni owomileyo phakathi elwandle.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku kwathi esakungena elwandle amahashe okumkani neenqwelo nabaqhubi, *uNdikhoyo wawagubungela ngamanzi, atshona. Kanti ke wona amaSirayeli aluwela ulwandle ehamba emhlabeni owomileyo.