Exodus 15:25 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wakala ke kuyehova; waza uyehova wambonisa umti, owati akuwuposa emanzini, amanzi asel’ eba mnandi. Apo ke wabenzela ummiso nesiko; nalapo wabalinga;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYehova wambonisa umthi; wawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi. Khona apho wabamisela ummiselo nesiko, khona apho wabavavanya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wanqula uYehova; uYehova wambonisa umthi, awawuphosa emanzini, aba mnandi amanzi; khona wabamisela umyalelo nommiselo, wabancina khona.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UMosis wakhala *kuNdikhoyo, waza ke yena wathi makakhe ihlamvu lomthi othile, alifake emanzini apho. Akuba enjenjalo ke, baphela ubukrakra emanzini, aba nokuselwa. Apha ke kulapho wabanika imimiselo yokuziphatha uNdikhoyo, wabavavanya.