Exodus 15:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wati: Xeshekweni uya kukutala ukupulapula ilizwi likayehova, lotixo wako, ukwenze okufaneleyo emehlweni ake, unikele imiyalelo yake indlebe, uyigcine yonke imimiso yake, andiyi kubeka pezu kwako nasinye kwezozifo ndizibekileyo pezu kwama‐Jipete: ngokuba mna ndi nguyehova okupilisayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi, Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye phambi kwakhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imimiselo yakhe: andiyi kubeka nasinye isifo phezu kwakho endisibekileyo phezu kwamaYiputa;kuba ndinguYehova, igqirha lakho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi, Ukuba uthe waliphulaphula izwi likaYehova uThixo wakho, wenza okuthe tye emehlweni akhe, wayibekela indlebe imithetho yakhe, wayigcina yonke imithetho yakhe; ndakuzisa kumaJiputa, kuba ndinguYehova, uphilisayo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wenjenje ukuthetha: “Ukuba nithe nandithobela ngokupheleleyo, nenza okuhle nokufanelekileyo ngokuhamba ngemimiselo yam, soze ndinohlwaye ngezibetho nezifo endaziwisela amaJiputa. Kaloku mna ndinguNdikhoyo, ugqirha wenu.”