Exodus 15:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwati utshaba: Ndoputuma, ndofumana, ndowaba amaxo̔ba; umxe̔lo wam wozaliswa ngabo; ndiya kuṙola isiṙele sam: isandla sam sobagqogqa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lwathi utshaba, Ndiyasukela, ndiyafumana, Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo; Ndirhola ikrele lam, siya kubagqogqa isandla sam.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lwathi utshaba, Ndiyasukela, ndoluse, ndahlule into ephangiweyo; umnqweno wam uya kwaneliswa ngabo; ndirhola ikrele lam, siya kubatshabalalisa isandla sam.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Utshaba lwathi: ‘Mandisukele ndibabambe. Ndiya kuxhaphaz' amaxhoba, ndizanelise. Ndiya kuxhoba ndif' amacala, nditshayele nditshabalalise ngekrele.’