Exodus 16:12 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ndikuvile ukuṙoṙa kwosapo luka‐Sirayeli; teta kulo, usiti: Pakati kwokuhlwa niya kudla inyama, nangokusa niya kuhluta sisonka; naniya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wenu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Thetha nabo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, kusasa nohlutha sisonka;nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ndikuvile ukukrokra koonyana bakaSirayeli. Uthethe kubo uthi, Lakutshona ilanga nodla inyama, ngomso nodla isonka; nazi ukuba ndinguYehova uThixo wenu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Xelela amaSirayeli ukuba ndizivile izikhalazo zawo; ngoko ke ngokuhlwa ndiya kuwanika inyama atye, ndize ngentsasa elandelayo ndiwaphe intaphane yesonka, khon' ukuze andiqonde ukuba ndinguNdikhoyo uThixo wawo.”