Exodus 16:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lwaza usapo luka‐Sirayeli, lwakuyibona, lwati olunye kolunye: Yinto nina le? ngokuba lube lungazi iyinto nina. Wayesiti u‐Mosesi kulo: Le isisonka anipileyo uyehova sibe kukutya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yintoni? Kuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sesi sonka aninika sona uYehova, ukuba sibe kukudla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bayibona oonyana bakaSirayeli, bathi omnye komnye, Yimana le, ngokuba babengazi ukuba yintoni na. Wathi uMoses kubo, Sisonka esi abanikileyo uYehova ukuba badle;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
AmaSirayeli athe akuyibona le nto angayaziyo, abuzana athi: “Yintoni le?” UMosis ke wathi kuwo: “Oku kukutya enikuphiwa nguNdikhoyo.